Yiya kwinkcazelo

Yiya kwiziqulatho

ISAHLUKO 40

Ufundisa Ngokuxolela

Ufundisa Ngokuxolela

LUKA 7:36-50

  • UMFAZI OWENZA IZINTO EZIMBI UGALELA IOLI EZINYAWENI ZIKAYESU

  • WENZA UMZEKELO NGOKUXOLELA

Ayifani indlela abantu abazijonga ngayo izinto uYesu azithethayo nazenzayo, kuxhomekeka kwintliziyo yabo. Le nto ibonakala kakuhle kwenye indlu eseGalili. Omnye umFarisi onguSimon umema uYesu ukuba azokutya naye endlini yakhe. Mhlawumbi ufuna ukukhe abone kakuhle lo mntu wenza imimangaliso engaka. UYesu uyavuma, mhlawumbi kuba esithi uza kushumayela kubantu abaza kube belapho, njengokuba wayevumile ukutya nabaqokeleli berhafu kunye naboni.

Kodwa ke uYesu akamkelwa ngendlela eziqhele ukwamkelwa ngayo iindwendwe. Iinyawo zomntu ohamba kwiindlela ezinothuli zasePalestina, enxibe iimbadada zidla ngokuba mdaka zize zibe shushu. Ngenxa yaloo nto abantu badla ngokubonisa ububele kwiindwendwe zabo ngokuzihlamba iinyawo ngamanzi apholileyo. Kodwa uYesu akabufumani obu bubele. Xa undwendwe lufika ludla ngokwamkelwa ngokuphuzwa, kodwa nale into uYesu akayifumani. Enye into edla ngokwenziwa kukuthambisa iinwele zondwendwe ngeoli ukuze ubonise ububele. Nayo le into ayenziwanga kuYesu. Uthi wamkeleke nyhani ke?

Iindwendwe ziqalisa ukutya, zihleli etafileni. Zithi zisatya kungene umfazi ongamenywanga. ‘Waziwa esixekweni ngokuba ungumoni.’ (Luka 7:37) Bonke abantu bangaboni kuba banesono. Kodwa kubonakala ukuba lo mfazi uziphethe kakubi mhlawumbi uthengisa ngomzimba. Usenokuba uvile ngezinto ezifundiswa nguYesu, nokuba ubiza bonke abantu ‘abasindwa ngumthwalo ukuze abahlaziye.’ (Mateyu 11:28, 29) Ingathi izinto ezithethwa nezenziwa nguYesu zimchukumisile waza waqonda ukuba makazomkhangela.

Lo mfazi uthi gqi emva koYesu njengokuba ehleli etafileni aze aguqe ezinyaweni zakhe. Uyalila zize iinyembezi zakhe ziwele ezinyaweni zikaYesu, azisule ngeenwele zakhe. Uphuza iinyawo zakhe aze azithambise ngeoli enuka kamnandi aze nayo. USimon uyibukele le nto ibe akayithandi. Uthi ngaphakathi: “Ukuba lo mntu ebengumprofeti nyhani, ebeza kuyazi ukuba ngumntu onjani lo mfazi ubamba iinyawo zakhe. Ebeza kuyazi ukuba ungumoni.”​—Luka 7:39.

UYesu uyayazi into ecingwa nguSimon aze athi: “Simon, kukho into endifuna ukukuxelela yona.” USimon uyaphendula athi: “Ndimamele Mfundisi!” UYesu uthi: “Kwakukho amadoda amabini awayeboleke imali komnye umntu; enye yayiboleke iidenariyo eziyi-500, enye eziyi-50. Athi akungakwazi ukumbhatala, walicima ityala lawo. Khawutsho ke, yeyiphi eza kumthanda kakhulu?” Mhlawumbi uSimon uphendula engenamdla aze athi: “Ndicinga ukuba yile ibimtyala kakhulu.”​—Luka 7:40-43.

UYesu uyavumelana naye. Ujonga kulo mfazi aze athi kuSimon: “Uyambona lo mfazi? Ndingene endlini yakho, kodwa wena awundinikanga manzi okuhlamba iinyawo. Yena lo mfazi uzimanzise ngeenyembezi zakhe, waza wazosula ngeenwele zakhe. Wena awundiphuzanga, kodwa yena lo mfazi, oko ephuza iinyawo zam oko ndifikile apha. Wena awuyithambisanga ngeoli intloko yam, kodwa yena lo mfazi uthambise iinyawo zam ngeoli enuka kamnandi.” UYesu uyabona ukuba lo mfazi ubonisa ukuba uguquke ngokusuka entliziyweni kwindlela ebeziphethe ngayo. Ngenxa yaloo nto uthi: “Ndithi kuwe, izono zakhe, zizininzi zinjalo, zixolelwe, ngenxa yale nto ayenzileyo, ngoba undithande kakhulu. Yena umntu oxolelwe kancinci, undithanda kancinci.”​—Luka 7:44-47.

UYesu akathetheleli ukuziphatha kakubi. Endaweni yaloo nto, ubonisa ububele nokubaqonda abantu abenza izono ezikhulu, kodwa babonise ukuba bayazisola baze bafune uncedo kuKristu. Inoba kuthi hu kulo mfazi xa esiva uYesu esithi: “Izono zakho zixolelwe. . . . Ukholo lwakho lukusindisile; hamba ngoxolo.”​—Luka 7:48, 50.