Yiya kwinkcazelo

Yiya kwiziqulatho

ISAHLUKO 20

Ummangaliso Wesibini EKana

Ummangaliso Wesibini EKana

MARKO 1:14, 15 LUKA 4:14, 15 YOHANE 4:43-54

  • UYESU USHUMAYELA UKUBA “UBUKUMKANI BUKATHIXO BUSONDELE”

  • UPHILISA UMFANA EKUDE

Emva kweentsuku ezimbini eseSamariya uYesu ubuyela kwindawo akhulele kuyo. Uye wathatha ixesha elide eshumayela kwaYuda, kodwa akazanga eGalili kuba efuna ukuphumla. Endaweni yaloo nto, ushumayela nakakhulu kule ndawo akhulele kuyo. Akalindelanga ukuba abantu bamamkele kakuhle kuba kaloku ebethe: “Umprofeti akaphathwa ngembeko kwilizwe lakowabo.” (Yohane 4:44) Endaweni yokuba abafundi bakhe bahlale kunye naye, babuyela emakhayeni abo, kwiintsapho zabo nakwizinto ebebekade bezenza.

UYesu uqalisa ukushumayela ngantoni? Uthi: “Lifikile ixesha ebelibekiwe, ibe uBukumkani bukaThixo busondele. Guqukani, nizikholelwe iindaba ezilungileyo zikaThixo.” (Marko 1:15) Bathini abantu? Abantu abaninzi baseGalili bayamamkela uYesu ibe bayamhlonipha. Abayenzi loo nto ngenxa yalo myalezo awushumayelayo. Abanye abantu balapha bebeye kwiPasika eYerusalem kwiinyanga ezidluleyo baza babona imimangaliso uYesu ayenzileyo.​—Yohane 2:23.

UYesu uqala phi ukushumayela eGalili? Uqala eKana, apho wayeye emtshatweni waza wajika amanzi aba yiwayini. Uthi eselapho eve ukuba kukho umfana ogulela ukufa. Utata walo mfana ligosa kurhulumente kaHerode Antipas, ukumkani oza kuthi ekuhambeni kwexesha athi uYohane umBhaptizi makanqunyulwe intloko. Lo tata uva ukuba ngoku uYesu useKana evela kwaYuda. Ngoko usuka kwikhaya lakhe eKapernahum aze ayokukhangela uYesu eKana. Esentlungwini uthi kuYesu: “Nkosi, nceda uze engekafi umntwana wam.”​—Yohane 4:49.

UYesu umphendula ngendlela eyothusayo lo tata athi: “Goduka, unyana wakho uphilile.” (Yohane 4:50) Lo tata uyamkholelwa uYesu aze agoduke. Endleleni egodukayo udibana namakhoboka akhe ezokumxelela iindaba ezimnandi. Unyana wakhe uphilile! Uyawabuza ukuba ‘uphile nini?’

Athi: “Ifiva iphele izolo malunga nentsimbi yokuqala emva kwemini.”​—Yohane 4:52.

Lo tata utsho akhumbule ukuba kungela xesha uYesu ebesithi, “Unyana wakho uphilile.” Emva koko lo tata usisityebi, nayo yonke indlu yakhe baba ngabafundi bakaKristu.

Ngoku uYesu wenze imimangaliso emibini eKana. Ujike amazi aba yiwayini waza kamva waphilisa umfana ekude kangangeekhilomitha ezimalunga neziyi-26. Ikhona neminye imimangaliso awayesele eyenzile ngeli xesha. Kodwa lo ngummangaliso wesibini eKana. Ubalulekile kuba ekubuyeleni kwakhe eGalili, lo mmangaliso ubonisa ukuba ungumprofeti kaThixo. Kodwa lo ‘mprofeti uza kuphathwa ngembeko ixesha elingakanani kwilizwe lakowabo’?

Le nto iza kucaca njengoko uYesu egoduka esiya eNazarete. Kuza kwenzeka ntoni apho?