Yiya kwinkcazelo

Yiya kwiziqulatho

ISAHLUKO 23

UYesu Wenza Imimangaliso Emikhulu EKapernahum

UYesu Wenza Imimangaliso Emikhulu EKapernahum

MATEYU 8:14-17 MARKO 1:21-34 LUKA 4:31-41

  • UYESU UKHUPHA IDEMON

  • UMAMA WENKOSIKAZI KAPETROS UYAPHILISWA

UYesu ebethe uPetros, uAndreya, uYakobi noYohane mababe ngabalobi babantu. Ngoku kungeSabatha ibe bonke baya kwindlu akhonzela kuyo amaYuda apha eKapernahum. UYesu uyafundisa kule ndlu, ibe nangoku abantu bayamangaliswa yindlela afundisa ngayo. Akafundisi njengababhali kodwa njengomntu onegunya.

Kule ndlu, kukho nendoda enedemon. Ikhwaza ngelizwi elikhulu ithi: “Ufuna ntoni kuthi Yesu waseNazarete? Uzokusitshabalalisa? Ndikwazi kakuhle ukuba ungubani; unguLowo Ungcwele kaThixo!” Kodwa uYesu uyayingxolisa le demon ikulo mntu athi: “Thula! Phuma kulo mntu!”​—Marko 1:24, 25.

Le demon imphosa phantsi lo mntu, imenze axhuzule ize ikhwaze kakhulu. Kodwa iyaphuma “ingamenzakalisanga.” (Luka 4:35) Abantu abakule ndlu bayamangaliswa! Baze babuze bathi: “Yintoni na le? . . . Uyalela ngegunya kwaneedemon, zize zimthobele.” (Marko 1:27) Ngokulindelekileyo, ezi ndaba zithi saa eGalili.

Emva kokuba bemkile kwindlu akhonzela kuyo amaYuda, uYesu nabafundi bakhe baya kwikhaya likaSimon okanye uPetros. Bafika umama wenkosikazi yakhe ephethwe ngamandla yifiva. Bayamcenga uYesu ukuba amncede. Ngenxa yaloo nto uYesu uya kuye, ambambe ngesandla aze amphakamise. Ngoko nangoko uyaphila aze alungiselele uYesu nabafundi bakhe, mhlawumbi ebenzela ukutya.

Ngokuhlwa kufika abantu abaninzi endlini kaPetros besiza nabantu babo abagulayo. Kukhawuleza kubonakale ukuba ingathi sonke isixeko silapha. Kutheni? Bafuna ukuphiliswa. Kangangokuba abantu ‘bazisa abantu babo abagula zizifo ezahlukahlukeneyo. Ubabeka izandla bonke, abaphilise.’ (Luka 4:40) UYesu uphilisa zonke izifo zabo njengokuba kwakuchaziwe ngaphambili. (Isaya 53:4) Ude akhuphe needemon ebantwini. Zithi xa ziphuma ezi demon zikhwaze zithi: “UnguNyana kaThixo.” (Luka 4:41) Kodwa uYesu uyazingxolisa aze angazivumeli ukuba zithethe. Ziyayazi ukuba uYesu unguKristu ibe akafuni zenze ngathi zikhonza uThixo wokwenene.