Yiya kwinkcazelo

Yiya kwiziqulatho

ISAHLUKO 33

Wenza Into Eyaprofetwa NguIsaya

Wenza Into Eyaprofetwa NguIsaya

MATEYU 12:15-21 MARKO 3:7-12

  • ABANTU BAXINA UYESU

  • WENZA INTO EYAPROFETWA NGUISAYA

Xa esiva ukuba abaFarisi neqela labalandeli bakaHerode baceba ukumbulala, uYesu nabafundi bakhe babuyela ngakuLwandle LwaseGalili. Kuza kuye abantu abaninzi abasuka kwiindawo ezahlukahlukeneyo eGalili, kwizixeko zaseTire, eSidon, kwimpuma yoMlambo iYordan, eYerusalem nasezantsi eIdumeya. UYesu uphilisa abantu abaninzi. Ngenxa yaloo nto abo banezifo ezibuhlungu bayamxina. Abalindi ukuba abachukumise kodwa bayatyhudisa ukuze bamchukumise.​—Marko 3:9, 10.

Kuba abantu bebaninzi kakhulu, uYesu uthi kubafundi bakhe mabamlungiselele iphenyana aza kuya ngalo elunxwemeni ukuze abantu bangamxini. Uza kufundisa abantu ekweli phenyana okanye aye kwenye indawo ekufutshane ukuze afundise abanye abantu.

Umfundi uMateyu uthi izinto uYesu azenzayo zezi ‘wayethethe ngazo umprofeti uIsaya.’ (Mateyu 12:17) Sesiphi eso siprofeto?

“Jonga! Umkhonzi wam endimkhethileyo, endimthandayo, nondivuyisayo! Ndiza kumfaka umoya wam, ibe uza kucacisela iintlanga ukuba buyintoni obona bulungisa. Akazukuxambulisana namntu okanye akhwaze, kungekho mntu oza kuva ilizwi lakhe kwizitrato ezikhulu. Akukho ngcongolo yaphukileyo aza kuyityumza, yaye akukho msonto weflekisi ocima-cimayo aza kuwucima, de abuzise ngokupheleleyo ubulungisa. Ngokuqinisekileyo, iintlanga ziza kuthembela egameni lakhe.”​—Mateyu 12:18-21; Isaya 42:1-4.

UYesu ngumkhonzi kaThixo amthandayo. Ucacisela abantu ukuba buyintoni obona bulungisa, into efihlwe zizithethe zobuxoki. Ngenxa yokuba bewugqwetha uMthetho KaThixo, abaFarisi abamncedi sele egula umntu ngeSabatha! Ecacisa ubulungisa bukaThixo kwaye ebonisa ukuba unomoya wakhe, uYesu ukhulula abantu kwizithethe ezibacinezelayo. Ngenxa yaloo nto, ezi nkokheli zifuna ukumbulala. Imbi kakhulu loo nto.

Kuthetha ukuthiwani xa kusithiwa “akazukuxambulisana namntu okanye akhwaze, kungekho mntu oza kuva ilizwi lakhe kwizitrato ezikhulu”? Xa ephilisa abantu, uYesu akabavumeli abo bantu okanye iidemon ukuba zimchaze “ukuba ungubani.” (Marko 3:12) Akafuni abantu beve ngaye ezitratweni okanye kwiingxelo ezigqwethiweyo ezisuka ebantwini.

Enye into uYesu unomyalezo othuthuzelayo, oya kubantu abafana nengcongolo eyophukileyo. Bafana nomsonto weflekisi ocima-cimayo nosele uza kuphelelwa. UYesu akayityumzi ingcongolo eyophukileyo ibe akawucimi nomsonto weflekisi ocima-cimayo. Kodwa ngobubele nothando uyabaphakamisa abo balulamileyo. NguYesu nyhani ezinokuthembela kuye iintlanga!