Yiya kwinkcazelo

Yiya kwiziqulatho

ISAHLUKO 32

Yintoni Esemthethweni NgeSabatha?

Yintoni Esemthethweni NgeSabatha?

MATEYU 12:9-14 MARKO 3:1-6 LUKA 6:6-11

  • UKUPHILISA INDODA EFE ISANDLA NGESABATHA

Ngenye iSabatha, uYesu uya kwindlu akhonzela kuyo amaYuda, ekusenokwenzeka ukuba iseGalili. Apha udibana nendoda efe isandla. (Luka 6:6) Ababhali nabaFarisi bambukele uYesu. Kutheni? Isizathu siyacaca xa bembuza besithi: “Kusemthethweni na ukuphilisa ngeSabatha?”​—Mateyu 12:10.

Iinkokheli zamaYuda zikholelwa ukuba kuvumelekile ukumphilisa umntu ngeSabatha kuphela xa ubomi bakhe busengozini. Ngokomzekelo, zifundisa ukuba akuvumelekanga ukubopha ithambo elaphukileyo, okanye indawo ekrunekileyo kuba ezo zinto azibulali. Kuyacaca ukuba ababhali nabaFarisi ababuzi uYesu kuba besizela le ndoda. Bakhangela into abanokummangalela ngayo.

Uyayiqonda ukuba bayawubaxa umthetho othi makungasetyenzwa ngeSabatha ibe indlela abawujonga ngayo ayikho ezibhalweni. (Eksodus 20:8-10) UYesu akaqali ukugxekwa xa esenza izinto ezintle. Kusenokubakho ingxabano enkulu xa eyalela le ndoda inesandla esifileyo esithi: “Phakama uze ngaphambili.”​—Marko 3:3.

UYesu uthi kubabhali nabaFarisi: “Ukuba omnye wenu ebenegusha enye, ize yeyele emngxunyeni ngeSabatha, ebengazukuyikhupha na?” (Mateyu 12:11) Igusha ifana nemali kubo, ngenxa yaloo nto abanakuyishiya emngxunyeni ide ibe lusuku olulandelayo kuba isenokufa baze balahlekelwe. Phofu neZibhalo zithi: “Ilungisa liziphatha kakuhle izilwanyana zalo zasekhaya.”​—IMizekeliso 12:10.

Ngoku uYesu uqhubeka athi: “Akaxabisekanga ngaphezu kwegusha na ke yena umntu! Ngoko ke kusemthethweni ukwenza into entle ngeSabatha.” (Mateyu 12:12) Ngenxa yaloo nto xa uYesu ephilisa le ndoda akophuli mthetho weSabatha. Ezi nkokheli azikwazi ukugqitha kule nto ithethwa nguYesu, zisuka zithi cwaka.

Ecaphukile kwaye ebuhlungu kakhulu kukungabi nalusizi kwazo, uYesu ujonga abantu abalapha aze athi kule ndoda: “Yolula isandla sakho.” (Mateyu 12:13) Xa le ndoda isolula isandla sayo, siyaphila. Iyavuya le ndoda, kodwa bathini bona ababhali nabaFarisi?

Endaweni yokuba bayivuyele le ndoda iphilisiweyo, abaFarisi bakhawuleza baphume beyokucebisana “neqela labalandeli bakaHerode, ukuze bambulale [uYesu].” (Marko 3:6) Kweli qela lezopolitiko kukho nabantu benkonzo ababizwa ngokuba ngabaSadusi. Ngokuqhelekileyo abaSadusi nabaFarisi abavani, kodwa ngoku basebenza kunye kuba bengamfuni uYesu.