Yiya kwinkcazelo

Yiya kwiziqulatho

ISAHLUKO 56

Yintoni Eyona Nto Ingcolisa Umntu?

Yintoni Eyona Nto Ingcolisa Umntu?

MATEYU 15:1-20 MARKO 7:1-23 YOHANE 7:1

  • UYESU UGXEKA IZITHETHE ZABANTU

Njengoko kusondele iPasika ka-32 C.E., uYesu uxakekile efundisa eGalili. Emva koko mhlawumbi uya ePasikeni eYerusalem, njengokuba uMthetho KaThixo usitsho. Kodwa ke ulumkile kuba uyayazi ukuba amaYuda afuna ukumbulala. (Yohane 7:1) Emva kwePasika ubuyela eGalili.

Kusenokwenzeka ukuba uYesu useKapernahum, ibe kuza kuye ababhali nabaFarisi bevela eYerusalem. Bafuna ntoni? Bafuna into abanokumtyhola ngayo. Bayambuza bathi: “Kutheni abafundi bakho besijongela phantsi nje isithethe sookhokho bethu? Ngokomzekelo, abazihlambi izandla xa beza kutya.” (Mateyu 15:2) UThixo zange athi abantu bakhe ‘mabahlambe izandla bayokutsho engqinibeni.’ (Marko 7:3) Kodwa xa umntu engayenzanga loo nto, kubaFarisi wenze into embi kakhulu.

Endaweni yokubaphendula ngqo, uYesu uthetha ngendlela bona abawophula ngayo uMthetho KaThixo. Uthi: “Nina, kutheni nisaphula imithetho kaThixo ngenxa yezithethe zenu? Ngokomzekelo, uThixo wathi, ‘Mhloniphe utata wakho nomama wakho,’ waphinda wathi, ‘Nabani na othuka utata wakhe okanye umama wakhe makabulawe.’ Kodwa nina nithi, ‘Nabani na othi kutata wakhe okanye kumama wakhe: “Nantoni na endinayo ebinokukunceda sendiyinikele kuThixo njengesipho” nithi makangamhloniphi tu utata wakhe.’”​—Mateyu 15:3-6; Eksodus 20:12; 21:17.

AbaFarisi bathi imali, izinto umntu anazo okanye nayo nantoni na enye enikelwe kuThixo yeyetempile ngenxa yaloo nto ayinakusetyenziselwa enye into. Kodwa zibe ezi zinto zisekumntu onikele ngazo. Ngokomzekelo, unyana usenokuthi imali, okanye izinto anazo “ziyikorbhane,” oko kukuthi isipho esinikelwa kuThixo, ngokungathi ngoku itempile yiyo emele igqibe ukuba sisetyenziswe njani eso sipho. Lo nyana usenokuyisebenzisa le mali okanye ezi zinto zakhe, kodwa uthi akanakukwazi ukuzisebenzisa ukuze ancede abazali bakhe abolupheleyo nabadinga uncedo. Ngale ndlela ubaleka umsebenzi wakhe wokunceda abazali.​—Marko 7:11.

UYesu iyamcaphukisa indlela abaFarisi abawugqwetha ngayo uMthetho KaThixo. Uthi: “Nilenze layinto engenamsebenzi ilizwi likaThixo ngenxa yezithethe zenu. Bahanahanisindini, uIsaya wayenyanisile xa waprofeta ngani wathi: ‘Aba bantu bandihlonipha nje ngomlomo, kodwa iintliziyo zabo zikude lee kum. Bandikhonzela ilize, kuba bafundisa imithetho yabantu.’” AbaFarisi abakwazi ukuyiphikisa le nto ayithethayo. Ngoko ubiza abantu ukuba basondele, aze athi: “Mamelani nize nicacelwe yile nto. Umntu akangcoliswa yinto engena emlonyeni wakhe, kodwa ungcoliswa yephuma emlonyeni wakhe.”​—Mateyu 15:6-11; Isaya 29:13.

Uthi xa esendlini nabafundi bakhe, bathi kuye: “Yhazi, abaFarisi abayithandanga laa nto ubuyithetha!” UYesu uthi: “Zonke izityalo ezingatyalwanga nguTata osemazulwini ziza kuncothulwa. Bayekeni benjalo. Baziinkokheli eziziimfama. Ukuba ke umntu oyimfama ukhokela omnye oyimfama, bobabini baza kuwela emngxunyeni.”​—Mateyu 15:12-14.

UYesu uyothuka xa uPetros ecela abacacisele la mzekelo ebewenzile. Uthi: “Anazi na ukuba yonke into engena emlonyeni igqitha esiswini ize iyokuphuma? Kodwa ke, zonke izinto eziphuma emlonyeni ziphuma entliziyweni, kwaye zizo ezenza umntu angcole. Ngokomzekelo, entliziyweni kuphuma iingcinga ezimbi: ukubulala, ukukrexeza, ukuziphatha kakubi ngesondo, ubusela, ukungqina ubuxoki nokunyelisa. Zizo ke ezo izinto ezingcolisa umntu; kodwa ukutya engahlambanga zandla akumngcolisi.”​—Mateyu 15:17-20.

UYesu akathi abantu mabangazihlambi izandla xa beza kwenza ukutya okanye beza kutya. Ugxeka abaFarisi abazenza amalungisa, kodwa babe besophula imithetho kaThixo baze bazimele ngezithethe zabantu. Eyona nto ayithethayo kukuba, izinto ezimbi umntu azenzayo ezisuka entliziyweni, zizo ezimngcolisayo.