Yiya kwinkcazelo

Yiya kwiziqulatho

ICANDELO 5

UYesu Ushumayela Kwimpuma YeYordan

‘Abantu abaninzi ababelapho bakholwa kuye’​—Yohane 10:42

UYesu Ushumayela Kwimpuma YeYordan

KWELI CANDELO

ISAHLUKO 82

UYesu Ushumayela EPereya

UYesu ucacisela abantu abammameleyo ukuba umntu kufuneka enze ntoni ukuze asindiswe nokuba kutheni abanye bengazokusindiswa. Icebiso lakhe lalibalulekile kudala. Lisabalulekile nanamhlanje?

ISAHLUKO 83

Izimemo Zesidlo

Xa uYesu esekhayeni lomFarisi, wenza umzekelo wabantu abamenywa kwisidlo esikhulu. Ufundisa bonke abantu bakaThixo into ebalulekileyo. Yintoni leyo?

ISAHLUKO 84

Kubaluleke Kangakanani Ukuba Ngumfundi KaYesu

Yinto enkulu ukuba ngumfundi kaKristu. UYesu uyicacisa kakuhle into elindelekileyo. Abanye abaseza kuba ngabafundi bakhe banokothuka yinto ayithethayo.

ISAHLUKO 85

Ukuvuyela Umoni Oguqukayo

Ababhali nabaFarisi bayamgxeka uYesu kuba enento emdibanisa nabantu abaqhelekileyo. Xa ebaphendula uYesu wenza imizekelo ebonisa indlela uThixo abajonga ngayo aboni.

ISAHLUKO 86

Unyana Obelahlekile Uyabuya

Ziintoni esinokuzifunda kumzekelo kaYesu wonyana obelahlekile?

ISAHLUKO 87

Ceba Kwangaphambili, Usebenzise Ubulumko

UYesu wenza umzekelo ngomphathi wendlu onamaqhinga nonganyanisekanga ukuze afundise isifundo.

ISAHLUKO 88

Izinto Ziyatshintsha Kwisityebi NakuLazaro

Eyona ndlela yokuwuqonda umzekelo kaYesu kukwazi ukuba abantu ababini ekuthethwa ngabo bamela bani.

ISAHLUKO 89

Ukushumayela EPereya Endleleni Eya KwaYuda

Uthetha ngophawu olunokusinceda sixolele kwanabantu abamane besimosha.

ISAHLUKO 90

“Uvuko Nobomi”

Ebethetha ukuthini uYesu xa ebesithi abantu abazikholelwayo izinto azithethayo baze bazenze ‘soze bafe’?

ISAHLUKO 91

ULazaro Uyavuswa

Izinto ezimbini ezibalulekileyo ezenzekayo zibangela ukuba ibe yinto engenakwenzeka into yokuba nabachasi bakaYesu bawuphike lo mmangaliso.

ISAHLUKO 92

Indoda Eneqhenqa Iyabulela

Indoda ebineqhenqa ephilisiweyo ayibonisi mbulelo kuYesu qha kodwa nakomnye umntu.

ISAHLUKO 93

UNyana Womntu Uza Kubonakala

Ubukho bukaKristu buza kufana njani nokulenyeza kombane?

ISAHLUKO 94

Ukubaluleka Kokuthandaza Nokuthobeka

Kumzekelo wakhe wejaji engenabulungisa nomhlolokazi, uYesu ubethelela indlela uphawu oluthile olubaluleke ngayo.

ISAHLUKO 95

Ufundisa Ngedivosi Nokuthanda Abantwana

UYesu ubajonga ngendlela eyahlukileyo abantwana kunendlela abafundi bakhe ababajonga ngayo. Ngoba?

ISAHLUKO 96

UYesu Uphendula Umlawuli Osisityebi

Yintoni eyenza uYesu athi kungalula ukuba inkamela ingene emngxunyeni wenaliti yokuthunga kunokuba isityebi singene eBukumkanini bukaThixo?

ISAHLUKO 97

Umzekelo Wabasebenzi Kwintsimi Yeediliya

Abokuqala baza kuba ngabo njani abokugqibela, abokugqibela babe ngabo njani abokuqala?

ISAHLUKO 98

Abapostile Baphinda Bafune Ukubaluleka

UYakobi noYohane bacela ukuhlala kwiindawo ezibalulekileyo kuBukumkani, kodwa abekho bodwa kule nto.

ISAHLUKO 99

UYesu Uphilisa Amadoda Angaboniyo Aze Ancede UZakeyu

Zingadityaniswa njani izinto ezithethwa yiBhayibhile ekusenokubonakala ngathi azidibani ngokuphilisa kukaYesu indoda engaboniyo kufutshane neYeriko?

ISAHLUKO 100

Umzekelo Wakhe Weemina Ezilishumi

Wayethetha ukuthini uYesu xa wathi: “Ndithi kuni, wonke umntu onezinto uza kunikwa ezinye, kodwa lowo ungenanto, naloo nto incinci anayo iza kuthathwa”?