Yiya kwinkcazelo

Yiya kwiziqulatho

ISAHLUKO 84

Kubaluleke Kangakanani Ukuba Ngumfundi KaYesu

Kubaluleke Kangakanani Ukuba Ngumfundi KaYesu

LUKA 14:25-35

  • IZINTO UMNTU EKUFUNEKA EZINCAMILE UKUZE ABE NGUMFUNDI

UYesu ufundise izinto ezibalulekileyo xa ebesesidlweni kwikhaya lenkokheli yabaFarisi. Njengokuba eqhubeka nohambo lwakhe oluya eYerusalem, uhamba nabantu abaninzi. Ngoba? Ngaba bafuna nyhani ukuba ngabalandeli bakhe, nokuba kuza kuthetha ntoni kubo ukuba ngumlandeli wakhe?

Aph’ endleleni, uthetha into ekusenokwenzeka ukuba iyabothusa abanye. Uthi: “Nabani na oza kum, abe engamcaphukeli utata wakhe, umama wakhe, umfazi wakhe, abantwana bakhe, umntakwabo, nodadewabo, kwanobomi bakhe, akanakuba ngumfundi wam.” (Luka 14:26) Uthetha ukuthini?

Akathi bonke abantu ababa ngabalandeli bakhe kufuneka babacaphukele nyhani abantu abazalana nabo. Endaweni yaloo nto, xa esithi mababacaphukele uthetha ukuba mabangabathandi ngaphezu kokuba bethanda yena. Bangafani nala ndoda ikumzekelo wakhe, engavumiyo xa imenyelwa esidlweni kuba isithi isandokutshata. (Luka 14:20) UYakobi owayengukhokho wamaYuda ‘wayemcaphukela’ uLeya. Le nto ithetha ukuba wayethanda uRakeli, ngaphezu kodadewabo uLeya.​—Genesis 29:30, 31; umbhalo osemazantsi.

UYesu uthi umfundi wakhe kufuneka acaphukele “kwanobomi bakhe.” Le nto ithetha ukuba umntu ofuna nyhani ukuba ngumlandeli wakhe, kufuneka athande uYesu ngaphezu kobomi bakhe, ade akulungele nokubuncama xa kufuneka. Kucacile ukuba, ukuba ngumfundi kaKristu kuyinto enkulu. Ayonto umntu anokuyithatha lula engakhange ayicinge kakuhle.

Ukuba ngumfundi, kusenokuthetha ukuba umntu uza kuba neengxaki aze atshutshiswe. UYesu uthi: “Nabani na ongasithwaliyo isibonda sakhe sokungcungcutheka aze andilandele, akanakuba ngumfundi wam.” (Luka 14:27) Abafundi bakhe kufuneka bakulungele ukufumana izinto ezibuhlungu. Ebekhe watsho nokuba uza kubulawa ziintshaba zakhe.

Aba bantu bahamba naye kufuneka bakucinge kakuhle ukuba kuthetha ntoni ukuba ngumlandeli kaKristu. Ukuze ayenze icace le nto ubenzela umzekelo. Uthi: “Ngokomzekelo, ngubani kuni othi xa efuna ukwakha inqaba angaqali ahlale phantsi abale iindleko, ukuze abone ukuba unazo na izinto zokuyigqiba? Ukuba akayenzi loo nto, usenokusibeka sona isiseko kodwa angakwazi ukuyigqiba.” (Luka 14:28, 29) Ngoko, ngaphambi kokuba babe ngabafundi bakhe, aba bantu bahamba naye ukuya eYerusalem, kufuneka babe bayicinge kakuhle le nto baza babona ukuba baza kukwazi na ukuhlala bengabafundi bakhe. Le nto uyibethelela ngomnye umzekelo, uthi:

“Nguwuphi ukumkani onamajoni ayi-10 000 ofuna ukuya kulwa nokumkani onamajoni ayi-20 000, ongaqali ahlale phantsi acele amacebiso, ukuze abone ukuba angoyisa na? Ukuba kuyacaca ukuba akazukukwazi ukoyisa, uye athumele abantu kuloo kumkani esekude, acele kubekho uxolo.” Ukuze icace eyona nto ayithethayo, uYesu uthi: “Nani ke, qinisekani ukuba, akukho namnye kuni ongazishiyiyo zonke izinto zakhe onokuba ngumfundi wam.”​—Luka 14:31-33.

Le nto ayithethayo akayithethi kwaba bamlandelayo qha. Wonke umntu ofunda ngoKristu, kufuneka akulungele ukwenza le nto ayithethayo. Le nto ithetha ukuba kufuneka balungele ukuncama yonke into abanayo, bade balungele nokuncama nobomi babo, ukuba bafuna ukuba ngabafundi bakhe. Kufuneka umntu ayicinge kakuhle aze ayithandazele nyhani le nto.

Ngoku uYesu uthetha ngento ebekhe wathetha ngayo kwiNtshumayelo yakhe yaseNtabeni esithi ‘bayityiwa yomhlaba.’ (Mateyu 5:13) Mhlawumbi uthetha ukuba njengokuba ityiwa inqanda izinto zingaboli, nabafundi bakhe banceda abantu bahlale bengabahlobo bakaThixo kwaye beziphethe kakuhle. Njengokuba ixesha lakhe emhlabeni selisondele ekupheleni, uthi: “Ityiwa ilungile, kodwa ukuba iphelelwa yincasa, iza kubuyiselwa ngantoni incasa yayo?” (Luka 14:34) Abo bammameleyo bayayazi ukuba ityiwa yelo xesha, yayingacocekanga ibe ixubene nomhlaba, ngenxa yaloo nto yayingancedi nganto.

UYesu ubonisa ukuba nabantu ekudala bengabafundi bakhe, kufuneka bangayeki ukuzimisela ukuhlala bengabo. Ukuba bayayeka akuzobakho yabo, njengala tyiwa iphelelwe yincasa. Basenokugezelwa nangabantu behlabathi. Eyona nto imbi nakakhulu, banokuyeka ukuba ngabahlobo bakaThixo, baze benze ukuba kuthethwe kakubi ngegama lakhe. Ukuze abonise ukubaluleka kokuba singayivumeli le nto yenzeke, uYesu uthi: “Lowo uneendlebe zokumamela, makamamele.”​—Luka 14:35.