Yiya kwinkcazelo

Yiya kwiziqulatho

ISAHLUKO 91

ULazaro Uyavuswa

ULazaro Uyavuswa

YOHANE 11:38-54

  • UKUVUSWA KUKALAZARO

  • INKUNDLA EPHAKAMILEYO YAMAYUDA ICEBA UKUBULALA UYESU

Emva kokuba uYesu edibene noMarta waza emva koko wadibana noMariya ngaseBhethani, baya kwingcwaba likaLazaro. Lingumqolomba ovalwe ngelitye. UYesu uthi: “Susani eli litye.” UMarta akayiqondi into eza kwenziwa nguYesu, aze athi: “Nkosi, umele ukuba uyanuka ngoku, kuba sele kudlule iintsuku ezine eswelekile.” Kodwa uYesu uthi kuye: “Bendingatshongo na kuwe ukuba uza kulubona uzuko lukaThixo ukuba uyakholwa?”​—Yohane 11:39, 40.

Ilitye liyasuswa. UYesu ujonga phezulu aze athandaze athi: “Tata, ndiyakubulela ngokuba undivile. Kona kona, ndiyayazi ukuba uhlala undiva; kodwa ndiyithetha le nto ukuze aba bantu bandingqongileyo bandive, baze bakholwe ukuba ndithunywe nguwe.” Ukuthandaza kukaYesu phakathi kwabantu kubabonisa ukuba le nto aza kuyenza uyenza ngamandla kaThixo. Emva koko ukhwaza kakhulu athi: “Lazaro, phuma!” ULazaro uyaphuma ebotshwe izandla ngamalaphu nobuso bakhe busongelwe. UYesu uthi: “Mkhululeni, nimyeke ahambe.”​—Yohane 11:41-44.

AmaYuda amaninzi ebezokuthuthuzela uMarta noMariya ayawubona lo mmangaliso aze abe nokholo kuYesu. Kodwa amanye abaleka aye kubaFarisi ayokubaxelela into eyenziwe nguYesu. AbaFarisi nababingeleli abaziintloko baba nentlanganiso kwiNkundla Ephakamileyo YamaYuda. Kule nkundla kukho nombingeleli omkhulu uKayafa. Abanye babo bathi: “Siza kuthini ngoku, kuba lo mntu wenza imimangaliso emininzi? Ukuba siyamyeka, abantu abaninzi baza kumlandela, aze amaRoma athathe indawo yethu nohlanga lwethu.” (Yohane 11:47, 48) Into uThixo ayenzayo esebenzisa uYesu ayiwavuyisi la madoda nangona eve ngabantu abazibonele ngokwabo ukuba uYesu “wenza imimangaliso emininzi.” Eyona nto banexhala layo zizikhundla negunya labo.

Ukuvuswa kukaLazaro kuphinda kuchane nabaSadusi, kuba abakholelwa kuvuko. Ngenxa yaloo nto uKayafa, ongumSadusi, uthi: “Nina aniyiqondi kakuhle le nto! Aniboni na ukuba kungcono kufe umntu omnye, kunokuba kutshatyalaliswe uhlanga lonke?”​—Yohane 11:49, 50; IZenzo 5:17; 23:8.

Le nto ayithethayo uKayafa ‘ayisuki kuye,’ kodwa kuba engumbingeleli omkhulu uThixo umenza ayithethe. UKayafa ufuna uYesu abulawe kuba woyika ukuba abantu baza kuyeka ukulandela iinkokheli zenkonzo yamaYuda. Kodwa le nto ayiprofetayo ibonisa ukuba ukufa kukaYesu kuza kwenza angahlawuleli nje amaYuda kodwa bonke ‘abantwana bakaThixo abasasazekileyo.’​—Yohane 11:51, 52.

UKayafa uyaphumelela ekwenzeni amalungu eNkundla Ephakamileyo YamaYuda acebe ukubulala uYesu. Ngaba uNikodemo, oncokolayo noYesu, uza kumxelela ukuba baceba ntoni? Nokuba uyamxelela okanye akamxeleli, uYesu uyemka eYerusalem, aze aphephe ukubulawa ngaphambi kwexesha elibekwe nguThixo.