Yiya kwinkcazelo

Yiya kwiziqulatho

ISAHLUKO 86

Unyana Obelahlekile Uyabuya

Unyana Obelahlekile Uyabuya

LUKA 15:11-32

  • UMZEKELO WONYANA OBELAHLEKILE

UYesu ebenze umzekelo wegusha nemali elahlekileyo mhlawumbi esesePereya engapha koMlambo iYordan. Yomibini le mizekelo ifundisa ukuba kufuneka sivuye xa umoni eguquka aze abuyele kuThixo. Ababhali nabaFarisi bebemgxeka uYesu kuba ebamkela aboni. Kodwa ucinga ukuba ikhona into abayifundayo kule mizekelo kaYesu? Ngaba bayayiqonda indlela uTata wethu osezulwini aziva ngayo xa aboni beguquka? Ngoku uYesu wenza omnye umzekelo ofundisa kwale nto ifanayo.

Lo mzekelo uthetha ngotata onoonyana ababini, kodwa uthetha kakhulu ngalo umncinci. Ababhali nabaFarisi nabanye abantu abammameleyo uYesu banokufunda kwinto ethethwa ngonyana omncinci. Kodwa ke ibalulekile nento ayithethayo ngalo tata kunye nonyana wakhe omdala kuba indlela abazijonga ngayo izinto iyasinceda. Ngoko, cinga ngawo omathathu la madoda njengokuba uYesu ebalisa eli bali.

Uwuqala ngokuthi lo mzekelo: “Kwakukho indoda eyayinoonyana ababini. Unyana omncinci wathi kutata wakhe, ‘Tata, ndinike ilifa lam.’ Ngoko wabanika bobabini amafa abo.” (Luka 15:11, 12) Qaphela ukuba lo nyana akafuni ilifa lakhe kuba utata wakhe eswelekile. Utata wakhe usaphila. Kodwa ufuna ilifa lakhe ngoku ukuze azokuzimela aze enze into ethandwa nguye. Yintoni ke ayenzayo?

UYesu uthi: “Emva kweentsuku ezimbalwa, unyana omncinci waqokelela zonke izinto zakhe, wahamba waya kwilizwe elikude, wadlala ngalo ilifa lakhe, waphila ubomi bokungakhathali.” (Luka 15:13) Lo nyana, endaweni yokuhlala kokwabo, akhuseleke, ahlale notata obathandayo abantwana bakhe nobanika izinto abazidingayo, uyahamba aye kwelinye ilizwe. Apho, ufika alisafaze ilifa lakhe eziphatha kakubi ngokwesondo. Kodwa ekuhambeni kwexesha uqalisa ukusokola njengokuba uYesu eqhubeka nebali lakhe.

Uthi: “Zathi zakuphela zonke izinto zakhe, kwabakho indlala enkulu kwelo lizwe, waza wahlupheka. Waya kusebenzela omnye wabemi belo lizwe, owamthuma ukuba ayokwalusa iihagu endle. Wayelamba kangangokuba wayedla ngokurhalela ukutya kwezo hagu, kodwa kwakungekho mntu umpha kutya.”​—Luka 15:14-16.

UMthetho KaThixo wawusithi iihagu azicocekanga, kodwa ngoku lo nyana kufuneka abe ngumalusi wazo. Ulamba ade abawele noku kutya kwezi hagu. Uthi esekuloo ngxaki ‘abuyele ezingqondweni.’ Wenza ntoni? Uthi: “Ndlela le abaninzi ngayo abaqeshwa bakatata abahlutha sisonka, kodwa mna ndiyafa apha yindlala! Ndiza kuya kutata, ndithi kuye: ‘Tata, ndimonile uThixo, nawe ndikonile. Andisafanelanga nokuba kuthiwe ndingunyana wakho. Ndenze ndibe ngomnye wabaqeshwa bakho.’” Emva koko uyaphakama aze aye kutata wakhe.​—Luka 15:17-20.

Uza kuthini utata wakhe? Ucinga ukuba uza kuba nomsindo aze amngxolise athi bekungamelanga ukuba umkile aph’ endlini kwasekuqaleni? Ngaba uza kuvele angamhoyi? Ubuza kuthini wena ukuba ibinguwe? Ubuza kuthini ukuba ibingunyana okanye intombi yakho le?

UNYANA OBELAHLEKILE UYAFUNYANWA

UYesu uyayichaza indlela lo tata aziva ngayo nento ayenzayo. Uthi: “Uthe [unyana] esekude, utata wakhe wambona, waba nosizi, wabaleka waya kuye, wamanga waza wamphuza.” (Luka 15:20) Nokuba lo tata ebevile ukuba unyana wakhe ebeziphethe njani, uyamamkela. Ngaba iinkokheli zamaYuda ezithi ziyamazi yaye ziyamkhonza uYehova, ziza kubona kulo mzekelo indlela uTata wethu osezulwini aziva ngayo xa aboni beguquka? Ngaba ziza kubona ukuba noYesu ebebamkela njengoTata wakhe aboni abaguqukayo?

Lo tata umbona kwalapha ebusweni unyana wakhe ukuba uguqukile. Kodwa indlela abonise ngayo ukuba uyamthanda ngokumkhawulela yenza kube lula kulo nyana ukuba amxelele izono zakhe. UYesu uthi: “Unyana wathi kuye, ‘Tata, ndimonile uThixo, nawe ndikonile. Andisafanelanga nokuba kuthiwe ndingunyana wakho.’”​—Luka 15:21.

Lo tata uthi kumakhoboka akhe: “Khawulezisani! yizani nesambatho, esona sihle, nimnxibise iringi neembadada. Zisani nethole lenkomo elityetyisiweyo, nilixhele, sitye sonwabe, kuba lo nyana wam ebefile, ngoku uyaphila; ebelahlekile, ngoku ufunyenwe.” Emva koko “bonwaba.”​—Luka 15:22-24.

Ngeli xesha unyana omdala usemasimini. UYesu uthi ngaye: “Wathi xa ebuya, sele eza kufika ekhaya, weva kuculwa, kudaniswa. Ngoko wabiza omnye wabasebenzi, wambuza ukuba kuqhubeka ntoni. Wathi kuye, ‘Umntakwenu ubuyile yaye usempilweni, waza utata wakho wamxhelela ithole lenkomo elityetyisiweyo.’ Yamcaphukisa le nto, akafuna nokungena. Ngoko utata wakhe waphuma wazokumcenga. Wathi kutata wakhe, ‘Ndineminyaka emininzi ndikusebenzela ibe ndikuthobela, kodwa zange nakanye undixhelele netakane eli lebhokhwe ndizokulitya nabahlobo bam. Kodwa uthe nje akufika lo nyana wakho owadlala ngelifa lakhe, walitya nabafazi abathengisa ngomzimba, wamxhelela ithole lenkomo elityetyisiweyo.’”​—Luka 15:25-30.

Ngoobani abafana nalo nyana umdala, abagxeka uYesu xa ehoya kwaye ebonisa inceba kubantu abaqhelekileyo naboni? Ngababhali nabaFarisi. UYesu wenza lo mzekelo ngenxa yokuba begxeka ukwamkela kwakhe aboni. Kodwa ke, lo mzekelo unceda nowuphi na umntu ogxeka ukubonisa kukaThixo inceba.

Xa uphela lo mzekelo kaYesu, lo tata uthi kunyana wakhe omdala: “Nyana wam, ubusoloko ukunye nam, ibe zonke izinto zam zezakho. Kufanelekile ukuba sonwabe, sivuyele ukubuya komntakwenu, kuba ebefile, kodwa ngoku uyaphila; ebelahlekile, kodwa ngoku ufunyenwe.”​—Luka 15:31, 32.

UYesu akatsho ukuba lo nyana umdala uye enze ntoni. Kodwa ke emva kokufa nokuvuswa kukaYesu, “ababingeleli abaninzi baba ngamakholwa.” (IZenzo 6:7) Mhlawumbi abanye babo babemvile xa wayebalisa eli bali lonyana owayelahlekile. Nabo bakwazi ukubuyela ezingqondweni, baguquka baza babuyela kuThixo.

Ukususela ngale mini awenza ngayo lo mzekelo, abafundi bakhe bafunda izinto ezibalulekileyo kuwo. Into yokuqala efundiswa ngulo mzekelo yindlela okusinceda ngayo ukuhlala phakathi kwabantu bakaThixo, sikhuselwe nguTata osithandayo nosinika izinto esizidingayo. Singabe sihamba sileqeka emva kwezinto zeli hlabathi ezibonakala ngathi zimnandi ngokungathi siya kwilizwe elikude.

Enye into esiyifundayo kukuba xa kuye kwenzeka saphuma endleleni, kufuneka sizithobe, sibuyele kuTata wethu ukuze siphinde sibe ngabahlobo bakhe.

Sinokufunda naxa sijonga indlela ohluke ngayo lo tata owamkelayo noxolelayo kunyana omdala onenzondo nongamkeliyo. Njengabakhonzi bakaThixo, nathi sifuna ukuxolela size simamkele umntu oguquka nyhani aze abuyele ‘endlini kaTata.’ Kufuneka sivuye xa umzalwana wethu ‘obefile ephila,’ ‘nobelahlekile efunyanwa.’