ISAHLUKO 93
UNyana Womntu Uza Kubonakala
-
UBUKUMKANI BUPHAKATHI KWABO
-
KUZA KWENZEKA NTONI XA UYESU EBONAKALA?
UYesu useseSamariya okanye eGalili. AbaFarisi ngoku bambuza ngokufika koBukumkani ibe bacinga ukuba buza kufika buqaqambile. Kodwa uYesu uthi kubo: “UBukumkani bukaThixo abuzukuza ngendlela ebonakala kumntu wonke; nabantu abazukuthi, ‘Nabu apha!’ okanye, ‘Nabuya phaya!’ Kuba, Jongani! uBukumkani bukaThixo buphakathi kwenu.”—Luka 17:20, 21.
Abanye basenokucinga ukuba uthi uBukumkani busezintliziyweni zabakhonzi bakaThixo. Kodwa ayinakwenzeka loo nto kuba uBukumkani abukho kwiintliziyo zabaFarisi uYesu athetha ngabo. Uthi buphakathi kwabo kuba uKumkani okhethiweyo woBukumkani BukaThixo uYesu uphakathi kwabo.—Mateyu 21:5.
Kusenokwenzeka ukuba, emva kokuba abaFarisi bemkile, uchazela abafundi bakhe ezinye izinto ngokufika koBukumkani. Uthetha ngobukho bakhe xa elawula kuBukumkani, aze abalumkise athi: “Kuza imihla eniza kunqwenela ngayo ukuba uNyana womntu ebephakathi kwenu, kodwa abe engekho.” (Luka 17:22) UYesu ubonisa ukuba ukulawula koNyana womntu kuBukumkani kuza kwenzeka kwixesha elizayo. Liza kuthi lingekafiki elo xesha, babe abanye abafundi belikhangela. Kodwa kuza kufuneka balinde de ibe lixesha uThixo alibekileyo lokuba uNyana womntu aze.
UYesu uqhubeka athi: “Nabantu baza kuthi kuni, ‘Nanku apha!’ okanye, ‘Nankuya phaya!’ Ze ningaleqeki emva kwabo. Kuba kanye njengokuba umbane ulenyeza usuka kwelinye icala usiya kwelinye esibhakabhakeni, buza kuba njalo nobukho boNyana womntu.” (Luka 17:23, 24) Abafundi bakhe baza kukhuselwa njani ukuze bangaleqeki emva koomesiya bobuxoki? UYesu uthi ukufika kukaMesiya kuza kuba njengombane ulenyeza kwindawo enkulu. Ubungqina bokuba ukhona ibe uyalawula kuBukumkani buza kucaca kubo bonke abantu abaqaphelayo.
Emva koko uthetha ngezinto ezakha zenzeka ukuze abonise indlela abantu abaza kube becinga ngayo kwixesha elizayo. Uthi: “Ubukho boNyana womntu buza kuba njengemihla kaNowa . . . Kwakunjalo nangemihla kaLote: abantu babesitya, besela, bethenga, bethengisa, betyala, besakha. Kodwa ngemini awaphuma ngayo uLote eSodom, kwanetha umlilo nesalfure uvela ezulwini waza wabatshabalalisa bonke. Kuza kuba njalo nangemini abonakala ngayo uNyana womntu.”—Luka 17:26-30.
UYesu akathi abantu bexesha likaNowa nelikaLote batshatyalaliswa kuba babesenza izinto eziqhelekileyo njengokutya, ukusela, ukuthenga, ukuthengisa, ukutyala nokwakha. UNowa noLote neentsapho zabo nabo babezenza ezi zinto. Kodwa abanye abantu babezenza ezi zinto bengawuhoyanga uMthetho KaThixo bengahoyanga
nexesha ababephila kulo. Ngenxa yaloo nto uYesu uthi abafundi bakhe mabangawazi nje uMthetho KaThixo kodwa mabawenze. Ubabonisa indlela abamele bazigcine ngayo okanye baqhubeke bephila ngayo xa uThixo etshabalalisa kwixesha elizayo.Abafundi kuza kufuneka bakulumkele ukuphazanyiswa zizinto zeli hlabathi. UYesu uthi: “Ngaloo mini, umntu ophezu kwendlu onezinto ezisendlini, makangehli ayokuzithatha, nomntu osemasimini makangabi sabuyela kwizinto azishiye ngasemva. Khumbulani umfazi kaLote.” (Luka 17:31, 32) Waba yintsika yetyiwa.
UYesu uyaqhubeka ebalisa into eza kwenzeka xa uNyana womntu elawula njengoKumkani. Uthi kubafundi bakhe: “Ngobo busuku abantu ababini baza kube belele kunye; omnye athathwe kodwa omnye ashiywe.” (Luka 17:34) Abanye baza kusindiswa kodwa abanye baza kushiywa, balahlekelwe bubomi babo.
Abafundi bathi: “Ziza kwenzeka phi ezi zinto Nkosi?” Uthi kubo: “Apho kukho isidumbu, ziya kudibana apho iinkozi.” (Luka 17:37) Abanye abantu baza kuba njengeenkozi ezibona izinto zisekude. Aba bafundi baza kumbona uKristu, uNyana womntu baze baye kuye. Ngelo xesha uYesu uza kunika abafundi bakhe ababonisa ukholo kuye inyani esindisa ubomi.