Yiya kwinkcazelo

Yiya kwiziqulatho

ISAHLUKO 92

Indoda Eneqhenqa Iyabulela

Indoda Eneqhenqa Iyabulela

LUKA 17:11-19

  • UYESU UPHILISA AMADODA ALISHUMI ANEQHENQA

UYesu uya kwisixeko sase-Efrayim esikumntla mpuma weYerusalem ibe ngenxa yaloo nto awa phantsi amacebo eNkundla Ephakamileyo YamaYuda okumbulala. Uhlala apho nabafundi bakhe ibe ukude kwiintshaba zakhe. (Yohane 11:54) Kodwa ixesha lePasika ka-33 C.E. liyasondela, ngenxa yaloo nto uphinda ahambe. Uya ngasemntla, anqumle eSamariya aze aye phezulu eGalili. Uza okokugqibela apha ngaphambi kokuba abulawe.

Uthi uYesu esandokuluqala uhambo lwakhe njengoko ehamba kwiilali ngeelali, adibane namadoda alishumi aneqhenqa. Ngamanye amaxesha, esi sifo siye siwatye kancinci kancinci, ade aphele amalungu omzimba anjengeminwe, iinzwane okanye iindlebe. (Numeri 12:10-12) UMthetho KaThixo uthi umntu onesi sifo umele akhwaze athi “Andicocekanga, andicocekanga!” ibe umele ahlale yedwa.—Levitikus 13:45, 46.

La madoda ayawuthobela uMthetho kuba amela kude kuYesu. Kodwa ayakhwaza esithi: “Yesu, Mfundisi, senzele inceba!” Uthi akuwabona la madoda athi kuwo: “Hambani niye kubabingeleli.” (Luka 17:13, 14) Ngokuthetha la mazwi ubonisa ukuba uyawuhlonipha uMthetho KaThixo othi imele ibe ngumbingeleli othi umntu uphilile kwisifo ebenaso. Emva koko umntu angaqalisa ukuhlala phakathi kwabantu abaqhelekileyo.—Levitikus 13:9-17.

Amadoda alishumi aneqhenqa aqinisekile ukuba uYesu unawo amandla okwenza imimangaliso. Ngenxa yaloo nto ayaya kubabingeleli nangona engekaphiliswa. Athi esesendleleni asikelelwe kuba ebonise ukholo kuYesu. Aqalisa ukuzibona nokuziva ukuba aphilisiwe.

Amadoda asithoba kula aphilisiweyo aqhubeka ehamba. Kodwa enye yona ayiyenzi loo nto. Le ndoda ingumSamariya iyajika iyokukhangela uYesu. Kutheni? Imbulela kakhulu ngale nto yenzekileyo. ‘Iyakhwaza izukisa uThixo,’ kuba iyaqonda ukuba nguThixo oyincede yaphila. (Luka 17:15) Xa ifika kuYesu, iwa ezinyaweni zakhe ize imbulele.

UYesu uthi kubantu abakunye naye: “Andithi kuphiliswe abalishumi? Baphi ke abanye abasithoba? Yile ndoda yolunye uhlanga kuphela na eye yabuya izokuzukisa uThixo?” Emva koko uthi kulo mSamariya: “Phakama uhambe; ukholo lwakho lukuphilisile.”—Luka 17:17-19.

Ngokuphilisa amadoda alishumi aneqhenqa, uYesu ubonisa ukuba usebenza noYehova uThixo. Ngoku omnye wala madoda alishumi, akaphiliswanga nje qha kodwa kusenokwenzeka ukuba uza kufumana ubomi. Kweli lethu ixesha uThixo akasasebenzisi uYesu ukuba enze le mimangaliso. Kodwa xa sibonisa ukholo kuye sinokufumana ubomi obungunaphakade. Ngaba siyayibonisa indlela esinombulelo ngayo njengendoda engumSamariya?