Yiya kwinkcazelo

Yiya kwiziqulatho

ISAHLUKO 96

UYesu Uphendula Umlawuli Osisityebi

UYesu Uphendula Umlawuli Osisityebi

MATEYU 19:16-30 MARKO 10:17-31 LUKA 18:18-30

  • UMNTU OSISITYEBI UBUZA NGOBOMI OBUNGUNAPHAKADE

UYesu usadlula ePereya esiya eYerusalem. Kuza kuye umfana osisityebi ebaleka aze aguqe phambi kwakhe. Lo mfana ‘ngomnye wabalawuli,’ mhlawumbi ligosa eliphethe indlu akhonzela kuyo amaYuda okanye lilungu leNkundla Ephakamileyo YamaYuda. Ubuza uYesu athi: “Mfundisi Olungileyo, yintoni endimele ndiyenze ukuze ndifumane ubomi obungunaphakade?”​—Luka 8:41; 18:18; 24:20.

UYesu umphendula athi: “Kutheni usithi ndilungile? Mnye kuphela umntu olungileyo, nguThixo.” Kusenokwenzeka ukuba lo mfana usebenzisa “olungileyo” njengesibizo, into oorabhi abaqhele ukuyenza. Nangona uYesu efundisa kakuhle, uyamxelela lo mfana ukuba isibizo esithi “Olungileyo” simele sisetyenziswe kuThixo qha.

Umcebisa athi: “Ngoko, ukuba ufuna ukufumana ubomi obungunaphakade, qhubeka uthobela imithetho kaThixo.” Lo mfana uyabuza athi: “Eyiphi?” UYesu umxelela imithetho emihlanu ayithathe kwiMithetho Elishumi, ethetha ngokubulala, ukukrexeza, ukuba, ukungqina ubuxoki nokuhlonipha abazali. Emva koko umxelela omnye umthetho obalulekileyo, uthi: “Uze uthande ummelwane wakho ngendlela ozithanda ngayo nawe.”​—Mateyu 19:17-19.

Lo mfana uyamphendula athi: “Ndizenzile zonke ezi zinto; kusashota ntoni?” (Mateyu 19:20) Kusenokuba uziva ngathi ikhona le nto inkulu nelungileyo kushota ukuba ayenze nezakuqinisekisa ukuba uyabufumana ubomi obungunaphakade. UYesu uyabona ukuba ufuna nyhani ukuyazi le nto, aze azive ‘emthanda.’ (Marko 10:21) Kodwa ke ikhona into embambileyo lo mfana.

Uzithanda kakhulu izinto anazo, ngenxa yaloo nto uYesu uthi kuye: “Kukho into enye eshotayo: Hamba uyokuthengisa yonke into onayo, uze loo mali uyinike amahlwempu, utsho ube nobutyebi ezulwini; emva koko, uze kum, ube ngumlandeli wam.” Lo mfana ebenokuyinika amahlwempu imali yakhe aze yena abe ngumlandeli kaYesu. Ngenxa yokuba ethanda ubutyebi kunye ‘nezinto ezininzi anazo,’ akabuboni obona butyebi bokwenene. (Marko 10:21, 22) UYesu uthi: “Kuza kuba nzima nyhani ngabantu abanemali ukungena eBukumkanini bukaThixo!”​—Luka 18:24.

Le nto uYesu agqibokuyithetha nento ayithetha emva koko iyabothusa abafundi bakhe. Uthi: “Kungalula ukuba inkamela ingene emngxunyeni wenaliti yokuthunga kunokuba isityebi singene eBukumkanini bukaThixo.” Abafundi bakhe bayambuza bathi: “Ngubani ke onokusindiswa?” Bacinga ukuba akekho umntu onokusindiswa. UYesu ujonga kubo aze athi: “Izinto ezibonakala zingenakwenzeka ebantwini zinokwenzeka kuThixo.”​—Luka 18:25-27.

UPetros umxelela ukuba bona bakhethe into engafaniyo nalo mfana usisityebi. Uthi: “Khawutsho! Sishiye zonke izinto zethu, sakulandela; ngoko ke, siza kufumana ntoni?” UYesu uchaza into abaza kuyifumana ekugqibeleni. Uthi: “Xa zonke izinto zisenziwa ntsha, naxa uNyana womntu ehlala etroneni yakhe ezukileyo, nina eniye nandilandela niza kuhlala kwiitrone eziyi-12, nigwebe izizwe zakwaSirayeli eziyi-12.”​—Mateyu 19:27, 28.

Kuyabonakala ukuba uYesu ucinga ngexesha elizayo apha emhlabeni, xa izinto ziza kwenziwa ntsha zifane nakumyezo wase-Eden. UPetros nabanye abafundi baza kufumana umvuzo wokulawula loo Paradesi yasemhlabeni kunye noYesu. Lowo ngumvuzo omkhulu kunayo nantoni na abanokuyincama.

Kodwa abazukuwufumana kwixesha elizayo qha umvuzo. Zikhona nezinye izinto abazifumanayo ngoku. UYesu uthi: “Akukho mntu ushiye ikhaya lakhe, umfazi, abantakwabo, abazali okanye abantwana bakhe ngenxa yoBukumkani bukaThixo, ongazukubafumana ngokuphindwe kaninzi ngoku, afumane nobomi obungunaphakade kwihlabathi elizayo.”​—Luka 18:29, 30.

Nokuba abafundi bayaphi, baza kusoloko benobuhlobo obusondeleyo nabazalwana noodade, basondelelane ngaphezu kwabantu abazalwa kunye. Ngelishwa, lo mlawuli uselula uza kuphoswa zezi ntsikelelo, ibe uza kuphoswa nakukulawula kuBukumkani BukaThixo basezulwini.

UYesu wongeza athi: “Kodwa abaninzi abangabokuqala baza kuba ngabokugqibela baze abokugqibela babe ngabokuqala.” (Mateyu 19:30) Uthetha ukuthini?

Lo mlawuli uselula ngomnye wabantu ‘bokuqala’ kuba uyenye yeenkokheli zamaYuda. Unika ithemba kuba eyithobela iMithetho KaThixo, ngenxa yaloo nto kulindeleke into eninzi kuye. Kodwa ubeka ubutyebi kunye nezinto anazo kuqala ebomini bakhe. Bona abantu abaqhelekileyo babona inyani nendlela esa ebomini kwizinto ezifundiswa nguYesu. Singathi bebengabantu ‘bokugqibela,’ kodwa ngoku baza kuba “ngabokuqala.” Banokuba nethemba lokuhlala kwiitrone ezulwini kunye noYesu, balawule iParadesi esemhlabeni.