Ingoma 88
Abantwana Basisipho SikaThixo
1. Indoda nomfazi wayo,
Xa kwenzeka bazale usana,
Bafumene isipho sabo
Esivela kuYehova.
Abazali bamele bazi
Ukuba lo mntwana ngokaThixo.
Ubanike ulwalathiso
Abamele balulandele.
(CHORUS)
Abantwana sisipho sakho
Esivela kuYehova.
Sixabise isipho sakhe
Ngokubafundisa ngaye.
2. Imiyalelo kaThixo,
Mayibe sentliziyweni yenu.
Yazisen’ abantwana benu;
Sisabelo senu eso.
Endleleni thethani nabo,
Xa nivuka naxa niphumlile.
Ngaloo ndlela boyikhumbula,
Yaye baya kusikelelwa.
(CHORUS)
Abantwana sisipho sakho
Esivela kuYehova.
Sixabise isipho sakhe
Ngokubafundisa ngaye.
(Bona nezi: Dut. 6:6, 7; Efe. 6:4; 1 Tim. 4:16.)