Ingoma 86
Amabhinqa Athembekileyo, Oodade AbangamaKristu
1. Amabhinqa exesha lamandulo
Ayenokholo olomeleleyo.
Amanye awo nguSara noRute.
Ayekhonz’ uThixo ngokuthembeka.
Ayekholekile kuYehova.
Ubhalile ngawo eLizwini lakhe.
2. Loo mabhinqa ayenyanisekile,
Eneempawu ezintle zokomoya.
Oodade abangamaKristu namhla
Banokufunda kumzekelo wawo.
Xelisani umzekelo wawo.
Nibe nenkalipho ekukhonzen’ uYa.
3. Nina bodade abangamaKristu,
Zibhokoxeni enkonzweni yenu.
Thobelani imiyalelo yakhe,
Njengawo amabhinqa amandulo.
Xelisani umzekelo wawo.
Niya kufumana umvuzo wobomi.
(Bona nezi: Fil. 4:3; 1 Tim. 2:9, 10; 1 Pet. 3:4, 5.)