Ingoma 105
Amazulu Avakalisa Uzuko LukaThixo
1. Amazulu azukisa uThixo.
Isibhakabhaka ngumsebenzi wakhe.
Yonk’ imihla sidumis’ uThixo.
Iinkwenkwezi ebusuku Zizukisa yena.
2. Imithetho kaYehova uThixo,
Isikhokelela kwindlela yobomi.
Imigaqo kaThixo inyulu.
Iyasizuzisa sonke Xa siyilandela.
3. Kulungile ukoyika uThixo.
Imithetho yakhe ibalulekile.
Yithobele uzuze ubomi.
Landel’ umyalelo wakhe Ngokunyaniseka.
(Bona nezi: INdu. 111:9; 145:5; ISityhi. 4:11.)