Ingoma 124
Bamkele Ngomoya Wokubuk’ Iindwendwe
1. Sixelis’ uThixo onobubele.
Ubuka iindwendwe ngokungakhethi.
Unika wonk’ umntu imvula nelanga;
Usinyamekela ngothando.
Nathi mas’xelise
uThixo wethu,
Sibe nobubele kubantu bonke.
UYehova uya kusisikelela
Ngobubele bethu kwabanye.
2. Masiphathe bonke ngomoya omhle,
Ingakumbi abo sikhonza nabo.
Xa besityelele masibabonise
Umoya wokubuk’ iindwendwe.
ULidiya wathi:
‘Namkelekile.’
Nathi masamkele bonke ngothando.
UYehova uya kubavuza abo
Babuka iindwendwe ngothando.
(Bona nezi: IZe. 16:14, 15; Roma 12:13; 1 Tim. 3:2; Heb. 13:2; 1 Pet. 4:9.)