Yiya kwinkcazelo

Yiya kwiziqulatho

Ingoma 111

Baya Kubizwa

Baya Kubizwa

(Yobhi 14:13-15)

1. Ubom’ bethu bufana nenkungu,

Buthi shwaka msinyane.

Namhla bukho ngomso abusekho,

Kubakho iinyembezi.

Xa umntu efa, ngaba wovuka?

UThix’ uthembis’ oku:

(CHORUS)

Abafi Baya kubizwa,

Bavuke ekufeni.

UYa uzimisele

Ukuba abavuse.

Ngoko ke, yiba nokholo

Lokuba wobabona.

Themba kungekudala

Wophila kunye nabo.

2. Abahlobo bakaThixo wethu,

Abayi kulityalwa.

Bonke abo balele ukufa,

Úya kubakhumbula.

Wobavusela eParadesi,

Baphile ngolonwabo

(CHORUS)

Abafi Baya kubizwa,

Bavuke ekufeni.

UYa uzimisele

Ukuba abavuse.

Ngoko ke, yiba nokholo

Lokuba wobabona.

Themba kungekudala

Wophila kunye nabo.