Ingoma 16
Bhenelani EBukumkanini BukaThixo!
1. Funani uYehova nina bantu;
Funani nobulungisa bakhe,
Ukuze ngemini yomsindo wakhe,
Nibe nokusitheliswa.
(CHORUS)
Bhenelani eBukumkanini;
Buxhaseni ngovuyo.
UYehova uya kusikhusela,
Ukuba senza oko.
2. Nina bafuna okusesikweni,
Bhenelani eBukumkanini.
Thobelani umyalo kaYehova,
Nolawulo lukaYesu.
(CHORUS)
Bhenelani eBukumkanini;
Buxhaseni ngovuyo.
UYehova uya kusikhusela,
Ukuba senza oko.
3. Phakamisani iintloko ngovuyo;
Gcobani ngenxa yoBukumkani,
Namkele ukukhanya kukaThixo,
Aze anisikelele.
(CHORUS)
Bhenelani eBukumkanini;
Buxhaseni ngovuyo.
UYehova uya kusikhusela,
Ukuba senza oko.
(Bona nezi: INdu. 59:16; IMize. 18:10; 1 Kor. 16:13.)