Ingoma 133
Cela UThixo Akuhlangule
1. Abalaw’li namhla
Balwa noYesu Kristu.
Ngoku sele sifikile
Isiphelo seentlanga.
Zopheliswa zonke
BuBukumkani bakhe.
Zonke iintshaba zobhangiswa
Zingabikho phakade.
(CHORUS)
Sithembele ngoYehova,
Yena uya kuhlangula.
Kholosa ngaye.
Bonis’ ukholo.
Xhasa ulongamo lwakhe.
Ngaloo ndlela woba nawe,
Akuhlangule.
2. Izigidi ngoku
Ziza kuThixo rhoqo.
Bonk’ abantu bafanele
Bazenzele ukhetho.
Abaninzi namhla
Basichasile sonke.
UYehova usikhusele,
Uya kusihlangula.
(CHORUS)
Sithembele ngoYehova,
Yena uya kuhlangula.
Kholosa ngaye.
Bonis’ ukholo.
Xhasa ulongamo lwakhe.
Ngaloo ndlela woba nawe,
Akuhlangule.
(Bona nezi: 1 Sam. 2:9; INdu. 2:2, 3, 9; IMize. 2:8; Mat. 6:33.)