Ingoma 9
Dumisa UYehova, UThixo Wethu!
1. Dumisa! Dumis’ uThixo!
Zukisa igama lakhe!
Lumkisa ngemini yakhe,
Bonk’ abantu mabathobele.
UThixo umisele uNyana
Alaw’le njengoKumkani.
Chazela abantu ngako oko
Nangeentsikelelo zako!
(CHORUS)
Dumisa! Dumis’ uThixo!
Vakalis’ ubukhulu bakhe!
2. Dumisa! Dumis’ uThixo!
Cula ngehlombe novuyo!
Ngokusuk’ entliziyweni,
Vakalisa uzuko lwakhe.
Nangona ezukile uThixo,
Usiphatha ngentobeko.
Unobubele kunye nothando
Nenceba kubantu bonke.
(CHORUS)
Dumisa! Dumis’ uThixo!
Vakalis’ ubukhulu bakhe!
(Bona nezi: INdu. 89:27; 105:1; Yer. 33:11.)