Ingoma 26
Hamba NoThixo!
(Mika 6:8)
1. Hamba noThixo ngovuyo,
Ube nenyaniso.
Yena uya kukuxhasa,
Xa uhamba naye.
Ngoko ke kholosa ngaye,
Soze akulahle.
Landel’ ukhokelo lwakhe,
Yaye umthobele.
2. Hamba noThixo unyulu,
Uphephe isono.
Yiba ngumntu wokomoya,
Uze umkholise.
Hlala ukholose ngaye,
Uze umthobele.
Ngaloo ndlela woba nawe,
Aze akuxhase.
3. Hamba noThixo ngenene,
Wokusikelela.
Yaye uya kukunika
Uxolo lwengqondo.
Uya kukusikelela,
Akunik’ uvuyo.
Ngoko hamba naye rhoqo,
Ube nemincili.
(Bona nezi: Gen. 5:24; 6:9; Fil. 4:8; 1 Tim. 6:6-8.)