Ingoma 63
Hlala Unyanisekile
1. Nyaniseka kuYehova,
Ubonise uthando.
Njengabantu bakaThixo
Abazinikeleyo,
Usinika imithetho,
Yaye siyamthobela.
Masimthembe, masimthande.
Uya kusikhusela.
2. Nyaniseka ebandleni,
Manyana nabo bonke.
Thanda bonke ebandleni
Ngamazwi nangezenzo.
Hlonela bonke abantu
Ngokungazenzisiyo.
IZibhalo zosinceda
Sihlale ngomanyano.
3. Nyaniseka ngentobeko,
Wamkele ukhokelo.
Xa unikwa umyalelo
Zithobe uwamkele.
Ngoko ke wosikelelwa
NguBawo onothando.
Nyaniseka, uthembeke,
UThixo wokuxhasa.
(Bona nezi: INdu. 149:1; 1 Tim. 2:8; Heb. 13:17.)