Yiya kwinkcazelo

Yiya kwiziqulatho

Song 57

Iingcamango Zentliziyo Yam

Iingcamango Zentliziyo Yam

(INdumiso 19:14)

1. Iingcinga zentliziyo yam

Ezindifikela rhoqo,

Kwanga zingakukholisa

Thixo wethu oluthando.

Zonke iingxaki zobomi

Ezindenza ndingalali,

Ndiziphosa kuwe Thixo,

Kuba wena wondinceda.

2. Ndakusoloko ndicamngca

Ngawe Bawo oluthando,

Nangezinto ezakhayo,

Ezindenza ndomelele.

Ndiyazixabisa Thixo

Zonke iingcamango zakho.

Ndiya kuzigcina zonke,

Ngoxabiso nangothando.