Yiya kwinkcazelo

Yiya kwiziqulatho

Ingoma 110

Imisebenzi KaThixo Emangalisayo

Imisebenzi KaThixo Emangalisayo

(INdumiso 139)

1. Thixo uyandigocagoca,

Xa ndilala kwanaxa ndivuka.

Iingcinga zam ziphambi kwakho zonke.

Uyawazi amazwi kwaneendlela zam.

Ndibunjwe ekusithekeni,

Ndíyimveku engazi nento le.

Kodwa Thixo,

wena ubundibona.

Iyamangalis’ imisebenzi yakho.

Unolwazi olungenasiphelo,

Nobulumko obukhulu gqitha.

Andoyiki kwanasebumnyameni,

Kuba wena uyasisindisa.

Andinakuzifihla kuwe,

Thixo wethu

ubona yonk’ into.

Amehl’ akho abona engcwabeni,

Abona kwanasenzulwini yolwandle.