Yiya kwinkcazelo

Yiya kwiziqulatho

Ingoma 114

Incwadi KaThixo—Ixabisekile

Incwadi KaThixo—Ixabisekile

(IMizekeliso 2:1)

1. Kukho incwadi ezisa uxolo,

Enik’ ithemba nevuyisayo.

Iimfundiso zayo ziyaphilisa,

Ziphilis’ iimfama zokomoya.

Loo ncwadi ziZibhalo Ezingcwele.

Yabhalwa ngabaphefumlelweyo,

Abantu abathanda uYehova,

Nababeqhutywa ngumoya kaYa.

2. Babhala ingxelo echanileyo,

Bechaza imvelaphi yendalo.

Bakwabhale ngemfezeko yabantu,

Nendlel’ ison’ esangena ngayo.

Babhala nangengelosi ethile,

Eyavukel’ ulaw’lo lukaYa.

Yabangela intlungu kwanesono,

Kodwa uThixo uza koyisa.

3. Siphila kumaxesh’ avuyisayo.

UKrist’ iNkosi uyalawula.

Le yimini yok’sindisa kukaYa,

Bonke abo basondela kuye.

Konke oku kusencwadini yakhe,

Inentabalala yokomoya.

Isinika uxolo lokwenene;

Ngoko le ncwadi iyathandeka.

(Bona nezi: 2 Tim. 3:16; 2 Pet. 1:21.)