Yiya kwinkcazelo

Yiya kwiziqulatho

Ingoma 127

Indawo Ebizwa Ngegama Lakho

Indawo Ebizwa Ngegama Lakho

(1 Kronike 29:16)

1. Kulilungelo kuthi Thixo

Ukukwakhela indawo.

Siyinikela ngemincili

Kuwe le ndawo yonqulo.

Konke esikunika kona

Nguwe osiphe ngothando.

Onke amandla nobuchule

Sibunikela ngovuyo.

(CHORUS)

Sinikela kuwe le ndlu,

Oya kukhonzwa kuyo.

Nceda Bawo oyingcwele

Wamkele le ndlu yakho.

2. Kwesi sakhiwo sozukisa

Wena kuphela Yehova.

Yanga inganda indumiso

Yabo banqula kule ndlu.

Siya kuhlala sisicoca

Esi sakhiwo sonqulo

Sanga singaba bubungqina

Bazo iindaba ezintle

(CHORUS)

Sinikela kuwe le ndlu,

Oya kukhonzwa kuyo.

Nceda Bawo oyingcwele

Wamkele le ndlu yakho.