Ingoma 28
Ingoma Entsha
1. Cula ingoma, Yokudumis’ uYehova,
Wazise ngezenzo Ezikhulu zakhe.
Dumisa uYa, UThixo onguSomandla.
Unobulungisa, Nokusesikweni.
(CHORUS)
Dumisa!
UThixo ngengoma!
Dumisa!
UKumkani wethu.
2. Cula ingoma, Udumise uKumkani!
Vakalis’ igama Lakhe elikhulu.
Dumisa uYa, Ucule ingoma entsha.
Cula ngemincili, Ngentliziyo yonke.
(CHORUS)
Dumisa!
UThixo ngengoma!
Dumisa!
UKumkani wethu.
3. Cula ingoma, Uzukis’ uMdali wakho.
Indalo kaThixo, Yonk’ iyamzukisa.
Dumisa uYa, Wena mhlaba nemilambo.
Iintaba neenduli, Nazo zimdumise.
(CHORUS)
Dumisa!
UThixo ngengoma!
Dumisa!
UKumkani wethu.
(Bona nezi: INdu. 96:1; 149:1; Isa. 42:10.)