Ingoma 8
Isidlo SeNkosi Sangokuhlwa
1. Yehova Bawo ezulwini,
Obu busuku bungcwele!
Kwakubonakele uzuko ngoNisan
Weshumi elinesine.
Kwadliw’ imvana yePasika,
Bakhululeka abantu.
Kamva nay’ iNkosi yancama ubomi,
Kwazalisek’ isiprofeto.
2. Siphambi kwakho Thixo wethu.
Size njengezimvu zakho.
Siyakudumisa ngothando onalo,
Yaye siyakuzukisa.
ISikhumbuzo sisihlandlo
Esibalulekileyo.
Sinceda ukuba sixelis’ uKristu,
Sizuze umvuzo wobomi.
(Bona nezi: Luka 22:14-20; 1 Kor. 11:23-26.)