Yiya kwinkcazelo

Yiya kwiziqulatho

Ingoma 71

Isipho SikaThixo Somoya Oyingcwele

Isipho SikaThixo Somoya Oyingcwele

(Luka 11:13)

1. Thixo Somandla, Baw’ onenceba,

Uyazaz’ iinkxwaleko zethu.

Ngoko sicela usomeleze

Ngesipho somoya oyingcwele.

2. Bawo siyona yonke imihla,

Maxa wambi siyaphambuka.

Thixo sincede usibabale

Ngesipho somoya oyingcwele.

3. Xa sityhafile, sidakumbile

Somelezwa ngumoya wakho.

Siphe amandla, usiqinise

Ngesipho somoya oyingcwele.