Ingoma 41
Khonza UYehova Ebutsheni Bakho
1. Lutsha niligugu neqhayiya;
Nixabisekile kuYehova.
Uyalela abazali benu,
Ukuba baniphathe ngothando.
2. Hlonelani abazali benu;
Lwamkeleni uqeqesho lwabo.
Ngaloo ndlela nokholis’ uThixo,
Yaye niya kusikeleleka.
3. Khumbula uThixo ebutsheni;
Qhubeka umthanda ngokwenene.
Vuyisa intliziyo kaThixo,
Ngokumkhonza ngokuzimisela.
(Bona nezi: INdu. 71:17; IZililo 3:27; Efe. 6:1-3.)