Yiya kwinkcazelo

Yiya kwiziqulatho

Ingoma 121

Khuthazanani

Khuthazanani

(Hebhere 10:24, 25)

1. Ukuba siyakhuthazana

Ekukhonzeni uThixo,

Luyaqina uthando lwethu,

Yaye kubakho uxolo.

Xasikhuthazana ngothando,

Kuba lula ukukhonza.

Siziva sikhuselekile

Ebandleni lamaKristu.

2. Kuthuthuzela ngokwenene

Ukukhuthazwa ngumhlobo.

Komeleza ukholo lwethu,

Kukwasinika namandla.

Ngoko masikhuthazaneni,

Sisebenze ngomanyano.

Khuthaza ababuthathaka

Nabasindwayo ngumthwalo.

3. Njengoko sele sikufuphi

Isiphelo sale nkqubo,

Simele sihlanganisane,

Ukuze sikhuthazane.

Masimanyane enkonzweni

Nabazalwana noodade,

Sinamathele enkonzweni

Nakwingqibelelo yethu.