Yiya kwinkcazelo

Yiya kwiziqulatho

Ingoma 116

Kuya Kukhanya Ngokukhanya

Kuya Kukhanya Ngokukhanya

(IMizekeliso 4:18)

1. Abaprofeti bathetha ngoKristu,

Olithemba lendalo yonke.

UThixo ubatyhilele ngomoya

Ukuba kuza uMesiya.

Ngoku uMesiya uyalawula,

Bukho ubungqina boko.

Ubukho bakhe nolawulo lwakhe

Luthetha usindiso kuthi.

(CHORUS)

Umendo wethu uyakhanya,

Njengokukhanya kwemini.

UThixo usikhanyisele,

Yaye uyasalathisa.

2. INkosi imisele ikhoboka,

Ukuze lisinyamekele.

Inyaniso eliyifundisayo

Iya ikhanya ngokukhanya.

Ngoku umendo wethu uyakhanya,

Njengasemini enkulu.

Masiqhubeke sihamba ngovuyo

Kumendo wayo inyaniso.

(CHORUS)

Umendo wethu uyakhanya,

Njengokukhanya kwemini.

UThixo usikhanyisele,

Yaye uyasalathisa.