Ingoma 103
‘Kwizindlu Ngezindlu’
1. Kwizindlu ngezindlu zonke,
Sivakalis’ izwi.
Kwiidolophu, ezifama,
Kondliwa izimvu.
Sivakalis’ ulawulo
Olusezulwini,
Kwelimiweyo liphela,
Ngokutsho kweNkosi.
2. Kwizindlu ngezindlu zonke,
Sazis’ usindiso.
Lolwabantu abanqula
Igama likaYa.
Kodwa bangamnqula njani
Abangamaziyo?
Ngoko masazise bonke,
Ngalo usindiso.
3. Kwizindlu ngezindlu zonke,
Masishumayele.
Bambi baya kusamkela,
Kodwa hayi bonke.
Thina sozukis’ uThixo,
Sibazise ngaye.
Ngoko masibafundise,
Ukuze basinde.
(Bona nezi: IZe. 2:21; Roma 10:14.)