Ingoma 52
Londoloza Intliziyo Yakho
1. Londoloza intliziyo,
Uphephe isono.
UThixo uyazibona
Iintliziyo zethu.
Uyazi xa intliziyo
Isiphambukisa.
Ngoko masinamathele
Kwimiyalo yakhe.
2. Londoloza intliziyo,
Uthandaze rhoqo.
Namathela kuYehova
Ngentliziyo yonke.
Zigcine entliziyweni
Iimfundiso zakhe.
Hlakulela intliziyo
Ethobekileyo.
3. Londoloza intliziyo,
Kwiingcinga ezimbi.
Yomeleze ngokufunda
IZibhalo rhoqo.
Ngaloo ndlela uYehova
Wokulondoloza.
Qhubek’ unqula uThixo
Ngokunyaniseka.
(Bona nezi: INdu. 34:1; Fil. 4:8; 1 Pet. 3:4.)