Yiya kwinkcazelo

Yiya kwiziqulatho

Ingoma 27

Mela UYehova!

Mela UYehova!

(Eksodus 32:26)

1. Sasikade sisebumnyameni,

Kwiicawa zonqulo lobuxoki.

Kodwa sachwayita ngokwenene,

Sakuva inyaniso.

(CHORUS)

Mela uYehova.

Hlala umkhonza.

Soze akushiye.

Kholosa ngaye.

Zazise iindaba

Zenkululeko.

Ulawulo lwakhe

Lophumelela.

2. Ngoku sizaliswe yimincili,

Kuba sifumene inyaniso.

Ngoko masishumayele ngayo,

Sidumise uThixo.

(CHORUS)

Mela uYehova.

Hlala umkhonza.

Soze akushiye.

Kholosa ngaye.

Zazise iindaba

Zenkululeko.

Ulawulo lwakhe

Lophumelela.

3. Asimoyiki yena uMtyholi,

Kuba sikholose ngoYehova.

Ngoko nokuba siyatshutshiswa,

Uya kusomeleza.

(CHORUS)

Mela uYehova.

Hlala umkhonza.

Soze akushiye.

Kholosa ngaye.

Zazise iindaba

Zenkululeko.

Ulawulo lwakhe

Lophumelela.