Yiya kwinkcazelo

Yiya kwiziqulatho

Ingoma 10

“Ndikho! Thuma Mna”

“Ndikho! Thuma Mna”

(Isaya 6:8)

1. Bambi bayalingcikiva

Igama likaYehova.

Bathi akanaluthando.

Abanye bathi “Akakho!”

Nguban’ oya kulicoca igama lakho elihle?

“Ndilapha Nkosi!

Thuma mna.

Ndokudumisa ngokholo.

(CHORUS)

Lilungel’ elikhulu elo.

Ndikho Nkosi! Thuma mna.”

2. Abantu bayagculela,

Bangcikiva uYehova.

Abathobel’ imiyalo,

Kwanemimiselo yakhe.

Nguban’ oyobalumkisa

Ngayo imfazwe kaThixo?

“Ndilapha Nkosi! Thuma mna.

Ndolumkisa ngenkalipho.

(CHORUS)

Lilungel’ elikhulu elo.

Ndikho Nkosi! Thuma mna.”

3. Abaninzi bayagcuma,

Ngenxa yokwanda kobubi.

Balambele inyaniso

Ebenza babe nethemba.

Nguban’ oya kubanceda

Bafunde ubulungisa?

“Ndilapha Nkosi! Thuma mna.

Ngomonde ndobafundisa.

(CHORUS)

Lilungel’ elikhulu elo.

Ndikho Nkosi! Thuma mna.”

(Bona nezi: INdu. 10:4; Hez. 9:4.)