Ingoma 95
“Ngcamlani Nibone Ukuba UYehova Ulungile”
1. Sinoxabiso ngenkonzo,
Siyazibhokoxa kuyo.
Sishumayela kubantu bonke,
Sibafundisa ngoThixo.
(CHORUS)
Uyasimema uYehova
Ngalo iLizwi lakhe,
Uthi: ‘Ngcamlani, ze nibone
Ukuba ndilungile.’
2. Basikelelwe kakhulu
Abo bazinikeleyo;
Abakwinkonzo yokuzincama
Yexesha elizeleyo.
(CHORUS)
Uyasimema uYehova
Ngalo iLizwi lakhe,
Uthi: ‘Ngcamlani, ze nibone
Ukuba ndilungile.’
(Bona nezi: Mar. 14:8; Luka 21:2; 1 Tim. 1:12; 6:6.)