Ingoma 33
Ningaboyiki!
1. Qhubekani bakhonzi bam
Nishumayela rhoqo,
Ningoyiki utshaba.
Yazisani abantu,
Ukuba uYesu Kristu
Umgxothile uMtyholi,
Uza kumtshabalalisa,
Akhulule uluntu.
(CHORUS)
Ningoyik’ iintshaba zenu,
Noxa zinitshutshisa.
Ndiya kunilondoloza,
Njengokhozo lweso lam.
2. Enoba iintshaba zenu
Zinamandla kunani,
Enoba ziyahleka,
Okanye zigculela,
Ningoyiki bakhonzi bam,
Ningayeki ukulwa,
Ndiya kunixhasa rhoqo,
Yaye niya koyisa.
(CHORUS)
Ningoyik’ iintshaba zenu,
Noxa zinitshutshisa.
Ndiya kunilondoloza,
Njengokhozo lweso lam.
3. Ningoyiki abachasi,
Ndohlala ndinilwela.
Nokuba nithe nafa,
Ndophinda ndinivuse.
Ningoyiki nabani na,
Ndisoloko ndinani.
Ngoko gcinani ukholo,
Yaye nikholose ngam!
(CHORUS)
Ningoyik’ iintshaba zenu,
Noxa zinitshutshisa.
Ndiya kunilondoloza,
Njengokhozo lweso lam.
(Bona nezi: Dut. 32:10; Neh. 4:14; INdu. 59:1; 83:2, 3.)