Yiya kwinkcazelo

Yiya kwiziqulatho

Ingoma 97

Phambili Balungiseleli BoBukumkani!

Phambili Balungiseleli BoBukumkani!

(2 Timoti 4:5)

1. Phambili balungiseleli,

Shumayelani rhoqo.

Ngothando ncedani abantu

Bazi ngoBukumkani.

Kulilungelo elikhulu

Ukusebenzel’ uThixo.

Masishumayel’ entsimini,

Sidumise uYehova.

(CHORUS)

Qhubekani nishumayela

kubo bonk’ abantu.

Qhubekani nishumayela

ngokunyaniseka.

2. Phambili balungiseleli,

Jongani emvuzweni.

Masilandel’ iNkosi yethu,

Siqhutywa yintliziyo.

Masazise bonke abantu

Ngeendaba zoBukumkani.

UYehova uyasixhasa,

Ngoko masingoyiki nto!

(CHORUS)

Qhubekani nishumayela

kubo bonk’ abantu.

Qhubekani nishumayela

ngokunyaniseka.

3. Phambili balungiseleli,

Ntsalela nani zimvu.

Nina batsha kwanabadala

Hlalan’ enyanisweni.

Siyixabisile inkonzo,

Nonqulo lwethu lungcwele.

Masikholise uYehova

Ngehambo yethu engcwele.

(CHORUS)

Qhubekani nishumayela

kubo bonk’ abantu.

Qhubekani nishumayela

ngokunyaniseka.