Ingoma 120
Phulaphula, Uthobele, Uze Usikelelwe
1. Xa uKristu ethetha, phulaphula.
Usibonis’ indlela yobomi.
Imfundiso kaKristu iyanceda,
Yithobele ukuze uphile.
(CHORUS)
Phulaphula, thobela
Xa uThixo ethetha.
Ukuze ufumane umvuzo,
Phulaphula, thobela.
2. Masithobel’ uKristu maxa onke.
Sofumana umvuzo wobomi.
Somelana neenzingo zobu bomi,
Yaye siya kusikeleleka.
(CHORUS)
Phulaphula, thobela
Xa uThixo ethetha.
Ukuze ufumane umvuzo,
Phulaphula, thobela.
3. Njengemithi ekhula emanzini,
Siya kuba nes’qhamo esihle,
Ukuba nje siphulaphul’ uThixo,
Sithobele imiyalo yakhe.
(CHORUS)
Phulaphula, thobela
Xa uThixo ethetha.
Ukuze ufumane umvuzo,
Phulaphula, thobela.
(Bona nezi: Dut. 28:2; INdu. 1:3; IMize. 10:22; Mat. 7:24-27.)