Ingoma 83
Sifanele Sizeyise
1. Simthanda gqitha uThixo wethu,
Ngoko ke masilwe naso isono.
Kwinto yonke masizeyise.
Uya kuvuya uYehova.
2. Yonke imihla siyavavanywa,
UMtyholi uzama ukusoyisa.
Kodwa uYa uyasixhasa.
Ngoko sinako ukoyisa.
3. Masiqaphele izenzo zethu,
Ukuze singabi nalo ibala.
Kuko konke esikwenzayo,
Sonke simele sizeyise.
(Bona nezi: 1 Kor. 9:25; Gal. 5:23; 2 Pet. 1:6.)