Ingoma 51
Sinamathele KuYehova
1. UYehova unguThixo ozukileyo.
Usoloko esenza okusesikweni.
Akuthethileyo kuyazaliseka.
Namathela kuye ungayekeleli.
Thobel’ umyalo wakhe uze uphile.
2. UYehova ohleli etroneni yakhe,
Ulaw’la ngenyaniso nokusesikweni.
Umema bonke abalulamileyo.
Namathela kuye ungayekeleli.
Qhubeka umkhonza ngentliziyo yonke.
3. UYehova ngoyena uphakamileyo.
Akukho namnye onokumelana naye.
Konke akuthembisayo kuyenzeka.
Namathela kuye ungayekeleli.
Zinikele ngokupheleleyo kuye.
(Bona nezi: Dut. 4:4; 30:20; 2 Kum. 18:6; INdu. 89:14.)