Yiya kwinkcazelo

Yiya kwiziqulatho

Ingoma 31

SingamaNgqina KaYehova!

SingamaNgqina KaYehova!

(Isaya 43:10-12)

1. Umntu wenz’ izithixo,

Engamazi uThixo.

Yena nguSomandla

UMdali wethu.

Kodwa zon’ izithixo,

Azikwazi kudala.

Azithethi kway’ aziboni,

Azinawo na mangqina.

(CHORUS)

Thina singamaNgqina

KaYehova uThixo.

Zonke iziprofeto zakhe

Ziya kuzaliseka.

2. Thina sivakalisa

Igama likaThixo.

Sikwavakalisa

UBukumkani.

Sikwamema nabanye,

Bafunde inyaniso.

Emva koko bangathelela

Ekudumiseni uYa.

(CHORUS)

Thina singamaNgqina

KaYehova uThixo.

Zonke iziprofeto zakhe

Ziya kuzaliseka.

3. Singqinela uThixo.

Siyamdumisa uYa.

Siyalingcwalisa

Igama lakhe.

SingamaNgqina akhe,

Yaye uyasithanda.

Ngoko sohlala simngqinela

De kube ngonaphakade.

(CHORUS)

Thina singamaNgqina

KaYehova uThixo.

Zonke iziprofeto zakhe

Ziya kuzaliseka.