Ingoma 81
“Sinike Ukholo Olungakumbi”
1. Thixo wethu Yehova sinesono,
Siphambukis’ intliziyo yethu.
Senz’ ukuba siphelelwe lukholo
Kuwe Thixo onguMdali wethu.
(CHORUS)
Nceda Thixo usinike ukholo.
Siphendule isicelo sethu.
Nceda Thixo ngayo inceba yakho,
Wandise ukholo lwethu kuwe.
2. Ngal’ ukholo siya kukukholisa
Thixo wethu koko sikwenzayo.
Ngoko Thixo qinis’ ukholo lwethu,
Lusincede sihlal’ ethembeni.
(CHORUS)
Nceda Thixo usinike ukholo.
Siphendule isicelo sethu.
Nceda Thixo ngayo inceba yakho,
Wandise ukholo lwethu kuwe.
(Bona nezi: Gen. 8:21; Heb. 11:6; 12:1.)