Ingoma 73
Thandanani Ngokusuk’ Entliziyweni
1. Masithandaneni sonke
Ngokusuk’ entliziyweni.
Bonke abasebandleni
Masibaxabise.
Masibonise ngezenzo
Ukuba siyabathanda,
Sixelise uYehova
Ngokuthanda bonke.
Masibaphe ngesisa
Nabaphi na abasweleyo;
Ngalo lonke ixesha
Masibonis’ uthando.
Masibonise imbeko,
Ububele kwanothando.
Masingadiz’ iziphoso
Zabazalwana bethu,
Sigcine umanyano.
2. Xa sinothand’ olunzulu
Asiyi kuqumba msinya;
Asiyi kuthandabuza
Izenzo zabanye.
Siya kwakha ubuhlobo
Nabo bonke ebandleni.
Sakukhonza nabo bonke
Ngothando novuyo.
Ntsuku zonke siyona,
Sonke siyakhubekisana.
Abo sikhonza nabo
Masibathantamise.
Masibe ngamaqabane
Anothando lokwenene.
Masiphuphume luthando,
Sizukise uThixo,
Ngokuthanda abanye.
(Bona nezi: 1 Pet. 2:17; 3:8; 4:8; 1 Yoh. 3:11.)