Ingoma 67
Thandaza KuYehova Ntsuku Zonke
1. Thandaza kuYehova ngovuyo.
Thetha naye njengomhlobo wakho.
Kholosa ngaye ngamaxesh’ onke.
Khuphel’ intliziyo yakho kuye.
Thandaza ntsuku zonke.
2. Thandaza kuYehova uthembe
Ukuba uya kuphulaphula.
Cela uxolo xa umonile,
Wazi ukuba wokuxolela.
Thandaza ntsuku zonke.
3. Thandaza kuYehova ngokholo.
Lahlela umthwalo wakho kuye.
Uya kukukhusel’ akuncede,
Ngoko hlala ukholose ngaye.
Thandaza ntsuku zonke.
(Bona nezi: Mat. 6:9-13; 26:41; Luka 18:1.)