Yiya kwinkcazelo

Yiya kwiziqulatho

Ingoma 49

UYehova Likhusi Lethu

UYehova Likhusi Lethu

(INdumiso 91)

1. UThixo ulikhusi,

Yaye siyamthemba.

Umthunzi kaSomandla,

Masihlale kuwo,

Ukuze sikhuseleke,

Sihlangulwe engozini.

UThixo ulikhusi

Esibalekela kulo.

2. Kungawa ecaleni

Kwethu amawaka.

Kodwa ke siyosinda,

Kuba sinekhusi.

Asoyiki nantoni na,

Kub’ uThixo ungakuthi.

Iingozi azipheli,

Kodwa thina sikhuselwe.

3. Ikhusi nomhlanguli

Wethu nguYehova.

Ngoko ke asoyiki,

Yaye asityhafi.

Asiyoyik’ ingonyama,

Sonyathela kwanephimpi.

UThixo uligwiba

Esizikhusela ngalo.