Yiya kwinkcazelo

Yiya kwiziqulatho

Ingoma 22

“UYehova NguMalusi Wam”

“UYehova NguMalusi Wam”

(INdumiso 23)

1. UYa nguMalusi wethu,

Ngoko asoyikinto.

Thina abazizimvu zakhe,

Uyasinyamekela.

Yena uyasikhusela,

Aze asihlaziye.

UYa uyasilondoloza,

Aze asikhusele.

UYa uyasilondoloza,

Aze asikhusele.

2. Ndisethunzini lokufa,

Kodwa andoyikinto,

Kuba ndinoMalusi omhle,

Ondinyamekelayo.

Undithambisa ngeoli,

Uyandithuthuzela.

Yena undiphatha ngothando,

Yaye unobubele.

Yena undiphatha ngothando,

Yaye unobubele.

3. Unothando uYehova,

Yaye nguMalusi wam.

Inyameko nothando lwakhe,

Ndoshumayela ngazo.

Ndohlala ndilithobela

Izwi loMalusi wam.

Ndiya kumzukisa uThixo,

Ndimkhonze ntsuku zonke.

Ndiya kumzukisa uThixo,

Ndimkhonze ntsuku zonke.

(Bona nezi: INdu. 28:9; 80:1.)