Yiya kwinkcazelo

Yiya kwiziqulatho

Ingoma 131

UYehova NguMsindisi Wethu

UYehova NguMsindisi Wethu

(2 Samuweli 22:1-8)

1. Yehova Thixo wethu unguMsindisi;

Indalo iphela uyenze ngokwakho.

Akakho nabani na onjengawe:

Akakho. UMsindisi nguwe.

(CHORUS)

Yehova usindisa abangcwele.

Abantu bakho uyabanyamekela.

Ngoko thina sazisa bonke ngawe Thixo,

Kuba nguwe wedwa Yehova uMsindisi.

2. Nangona iintshaba zam zindisongela,

Ndithembele kuwe, Yehova Msindisi.

Yiva isicelo sam kuwe Thixo:

Ndincede Ndihlangule Bawo.

(CHORUS)

Yehova usindisa abangcwele.

Abantu bakho uyabanyamekela.

Ngoko thina sazisa bonke ngawe Thixo,

Kuba nguwe wedwa Yehova uMsindisi.

3. Siyazi Thixo uya kusihlangula.

Iintshaba zodana, thina ke sovuya.

Nguwe kuphela Thixo uMsindisi:

Msindisi. Sisithela ngawe.

(CHORUS)

Yehova usindisa abangcwele.

Abantu bakho uyabanyamekela.

Ngoko thina sazisa bonke ngawe Thixo,

Kuba nguwe wedwa Yehova uMsindisi.

(Bona nezi: INdu. 18:1, 2; 144:1, 2.)